Wondla umzimba nomphefumlo.
Umrhamente wakwashembe ufumana ithuba Iokutya u mbona owosiweyo kuhambo olude olusinge eNhlangakazi.
lintente ezakhiwe kumathambeka entaba yaseNhlangakazi.







Iikhokelwa sisizukulwana sakhe. Eli bandla linamarhamente
emibutho eyahlukeneyo yepolitiki neyeentlanga ngeentlanga. Kuhambo lwalo nyaka bekukho uJan noMaria Breedt abangabelungu baseThekwin Bebenethemba lokuba baza kubanethamsanqa njengokc bebenengxaki yokungaphangeli. Njengabanye abantu ebebekolu hambo esi sibini sifike sabeka iintyatyambo ekupheleni kohambo lokuya eNhlangakazi.
Phakathi kwabantu abamamkela kuqala uMprofethi uShembe kuthiwa kukho nosapho lwamaNdiya olwamnika umhlaba wakha umzi wakhe. lnzalo yolu sapho olwathiwa
igama lokuba ngoo-Nozinkobe ngumprofethi lusengamarhamente ei bandla.
Nangona uninzi lwamabandla lulandela izinto zempucuko, amaShembe agxininisa kuxolo, uthando, ukuziphatha kakuhle nokub nesimilo aya esanda ngokwanda. Bayanda abantu abazizifundiswa ; nabakwizikhundla eziphezulu ababefudula beyigxibha iNazareth Baptist Church ngoku abangamarhamente ayo.
Xa sikunye nabo sonke
singamaShembe okanye amaNarazeth. Umntu
neBhayibhile ngokutsho kukaMtundisi M.B. Mpanza oneminyaka engama-50 ekhonza kwaShembe. lzicatshulwa ezikwiTestamente Endala ziyakuxhasa ukungalahlwa kwamasiko elikholelwa kuko eli bandla yaye amarhamente alo
afundiswa imbali yoMprotettii uShembe ongumseki weli bandla nowafika eNanda eThekwini ngo-19-10. Lo mlimi owayevela e-Escourt wayefumene ubizo lukaThixo waza emva kokutyhilelwa izinto ezininzi waseka efi bandla. Kungoku nje
ongaphangeliyo, ititshala, igqwetha! ugqirha okanye umantyi - sonke siyamanyana sibe mntu-mnye utshilo uMfu. Mpanza. 
50 BONA XHOSA - April 2000
Uhcimbo 1wciniaSHEME lwasNhlcingakazi


sityelele indwsilutho enguVuyo Mbuli
52 BONA XHOSA - April 2000

Ukubona abasasazi benkqubo iMorning Live bencume olukablankethi ngelixa thina sisazamlayo kukwenza uzibuze ukuba bamelana njani nokuvuka ngenja ixukuxa
Ldci kcikhulu

ABA
U
 KUBA uvuyo Mbuli ubezarna
ukuzifihla, ngokuqinisekileyo uphumeleie - usenze sadla undizel Ngokukhetha ikhaya
lakhe eliseWendywood, elinye ihlomela-dolophu leengcungcu laseJohannesburg apho kusisiqhelo ukuvala ezinye iindlela kwizithuthi ukuze kuthintelwe ulwaphulomthetho, thina ke besijikeleza ngo4.17 kusasa sizama indlela engena kwikhaya likaMbuli - wabe emangalisiwe ukuba inokuba siphi.
Xa kanye besimisa imoto ibingu-


4.50 ekuseni, ubuso obuthandekayo bomsasazi weMorning Live, uVuyo Mbuli, bebubonakala buntshingintshingi. Sngalibazisanga singene kwiBMW 320i yakhe - sixolisa ngokufika kade -sanduluka ukuya kwii-ofisi zakwaSABC eAuckland Park.
Kunjani ukuvuka kusasa ngenja
ixukuxa, ndibuza uVuyo njengoko sidlula
kwizitrato ezingenabantu.
Oh, sele ndiqhelile, kodwa andithandi ukuphazamisa inkosikazi nentombi yam xa ndivuka. Xa ndithetha inyaniso, ndiyanqwenela ukuba ngabo xa ndibashiya besalele kamnandi phantsi kweengubo ngelixa mna kufuneka nditsheve emva koko ndihlambe utsho uVuyo sele eyekile ukuba ntshingintshingi.
Wolula isandla avulele unomathotholo. Kuvakala iindaba zentsimbi yesi-5 zakusasa zeSAfm emotweni. Njengoko eyindoda ethanda iindaba, uVuyo uzimamela ngomdlakazi iindaba. Njengomhleli nomfundi weendaba KuSAtm, abaphulaphuli beva ilizwi Iakhe elindongandongo lifunda iindaba zonke iintsuku ngentsimbi ye-1 1 kusasa nazo zonke iiyure ukusukela ngentsimbi ye-1 1 kusasa kude kubethe intsimbi yesine malanga.
Ukwasasaza inkqubo ethi-News Maker yakwaSABC3 nethi News Hour ngeecawa nenkquba entsha yakusasa ethi Morning Live iya isaziwa ngokwaziwa. Kungenxa yokuba sithetha ngemiba ebachaphazelayo abaphulaphuli, ukholelwa njalo uVuyo, kwaye njengoko bebona ukuba siyawonwabela umsebenzi wethu.
lndoda ethetha upoqo, uVuyo usixelele ukuba ngenye intsasa isigqibo sikarhulumente waseBritane sokuvumela owayesakuba yintshatsheli yodidi lwanzima uMike Tyson angene eBritane xa ebeyokulwa nojulius Francis ngelixa umthetho wabo udla ngokubathintela abantu abakhe banamatyala ukuba bangene elizweni wenze ababukeli abaninzi banamsindo.
Abantu baye abandithemba kwezinye
BONA XHOSA - April 2000 53


54 BONA XHOSA - April 2000
izinto, kodwa intetho yam ngaloo mini yayikukucacisa nje into engundoqo.
Ngelishwa, abaphulaphuli abaninzi baye bamthabatha ngenye indlela saze istudiyo seMorning Live safumana iminxeba emininzi, iifeksi nee-emails ezivela kubaphulaphuli abanomsindo abamtyhola ngokuthelekisa owayesakuba ngumongameli nesigebenga - uMandela noTyson abafani tu, batsho abaphulaphuli.
Yonke loo nto yinxalenye yomsebenzi wemihla ngemihla, utsho njalo. Ndiyibona ingumnqa into yokuba abantu bangayifuni inyaniso balawulwe ngumsindo.
N
 gu-5.20 ngoku noVuyo sele enxibe iimpahla zevenkile engumxhasi wakhe ahlala ezinxiba kule nkqubo, uzama ukuphengulula amaphepha amathathu ukuze afumane amanqaku abalaseleyo
osuku ngelixa umlungisi wobuso uRose Mosenogi emlungisa ubuso ukuze alungele ukuba phambi kwekhamera. Emva kwemizuzu eli-15 siya kwigumbi leendaba apho abasebenzi abaninzi bebequlunqa iindaba zosuku ukusukela ngo-4 ekuseni.
Rhoqo ekuseni phambi kokuba ndivele kumabonakude ndiza apha ndizokuziqhelanisa neendaba ezibalaseleyo, ucacisa atsho.
Sidlulele kwisitudiyo esihle sikaMorning Live apho uTracy Going ajoyina uVuyo baqalise ukwenza amalungiselelo ngomdla. Xa uMphathi uJohn Gregg ekhwaza:Mnye umzuzu! imiyalelo yokugqibela ithi nqumama njengoko oosokhamera beqala ukusebenza. lze nkqo enkqayini ngentsimbi yesithandathu ekuseni, uTracy noVuyo babulise isizwe - oko ke ibe kukuqala kwenkqubo ethi Morning Live.
Kwiiyure ezimbini ezilandelayo owayesakuba yinzwakazi uMapaseka Makoti ujoyina elo qela ukusasaza iindaba zoqoqosho, uRushdie Magiet, ongumtyumbi wabadlali beqakamba jikelele, udlana iindlebe noDylan Rogers noMaureen Mundea, osasaza iindaba zaseAfrika, uncokola noGqirha Bizima Karaha, umkhokheli weqela tabavukeli icongolese Rally for Democracy.
Besitya iibhega emva kwenkqubo, oosokhamera nabasasazi bayadibana baxoxe ngezimvo namacebo enkqubo elandelayo kwaye uMbuli uncoma uMundea ngokuzisa abaitu kuAfrica News ngokudlana indlebe noonondaba beli lizwe.
	disebenzise iiyure ezimbini phakathi kwenkqubo ethi
Morning Live nokufunda iindaba kwaSAtm ukwenza imisebenzi yam, ucacisa atsho uVuyo njengoko ehtamba imake-up. Namhlanje kufanele ndiye ezi-ofisini zekaizer Chiefs ndiye kulanda itshekhi. USavita, oyinkosikazi yam uneshishini lokupheka kwaye kutshanje ubephekele le klabhu xa ibinetheko
Endleleni esingise kwiiofisi zeChiefs eNaturena, kumazantsi eRhawuti, sibuza uMbuli ngobomi bakhe.
Ndazalelwa ndakhulela ndafunda eSoweto aphondafunda eSekano Ntwana High School - kwaye ndandidlala ibhola ekhatywayo ndiseyinkwenkwana.
Ngelishwa, ndandingengomdlali onesiphiwo, kodwa ndisayithanda ibhola kangangokuba ndisazivisa ubuhlungu ngokuba ngumdlali wasesiswini ngokukudlalela i-lnjury United - iklabhu yooNondaba bakwaSABC!


Silihlekile igama elibizwa ngayo kodwa savumelana noVuyo ukuba kufanelekile libizwe njalo kuba liqela abantu abanezisu ezikhulu, abanemizimba emikhulu nabafana ekulula ukuba bathi banendawo eqaqambayo ukuze baphumle.
Ndenza idiploma yobutitshala eSoweto College of Education ngo-1988: uqhubeka atsho.
Ndafundisa i-economics kwibanga lematriki kwisikolo sabucala eJohannesburg iminyaka emihlanu. Ngelo xesha ndandikwaneshishini lemifuno neziqhamo ukuze ndincedisane nomrholo wam - utata wam wayengasebenzi kwaye bobane oosisi bam babesafunda.
Sikhwele emotweni sithule ixeshana. UVuyo, othetha iilwimi ezintandathu othi eyona nto ayithandayo xa efunda ngamabali abantu, uthi ubedla ngokufunda iphepha-ndaba ekhwaza kwigumbi lokutyela lootitshala.
Abanye ootitshala baye balithanda ilizwi lam baze bandicebisa ukuba ndiyokuzama ukufunda iindaba kunomathotholo. Endaweni yoko ndaya kuvavanyo lokuba ngumsasazi kwisitishi esingasekhoyo sakwaSABC i-TSS - ndilapha namhlanje.
Wasuka kwaTSS uVuyo wafumana umsebenzi wokuba ngumsasazi kwaSABC Topsport kwaye usakhumbula esasaza iOlympic Games eseAtlanta njengenye yemini ezimnandi emsebenzini wakhe. gentsimbi ye-1O.30 sesibuyele l lkwigumbi leendaba lakwaSABC kwaye UMbuli ulungiselela ukufunda iindaba zango-1 1 kusasa zeSAfm. Kwimizuzu engama-30 phambi kwentsimbi ye-1 1 kusasa uleqa kwistudiyo esikufutshane afunde iindaba. Emva kwemizuzu emithathu nemine ubuyeta kwikhompyutha yakhe ukuze aqulunqe iindaba eziza kulandela. Kuyaqhubeka oku kude ibe zindaba zokugqibela ngentsimbi yesine side sigoduke.
lntombi eyonwabileyo kaVuyo, uSiphosihle uyasamkela endlwini yabo entte aze uVuyo amwole.
Ndidla ngokuziphumlela emalanga ngokumamela umculo - ingoma kaMandoza ethi Uzoyithola Kanjani edumileyo yeyona ndiyithandayo okwangoku - okanye ndizidlalete nentombi yam, ucacisa atsho uVuyo. Ndisenalo nexesha lokwenza izitundo zam zesidanga somthetho okanye ndiye ejimini nenkosikazi yam uSavita.
Wenza izifundo zomthetho? Ndikholelwa ukuba umntu kufanele azilungiselele ikamva lakhe. Ndingaligqwetha okanye ndingabililo emva kokwenza isidanga sam, kodwa
ndiza kukhetha into endifuna ukuyenza.
USavita onama-27 owayesakuba ngunobuhle owatshata uVuyo ngo-1995, ufika ekhaya emva kwentsimbi ye-5.30 malanga aqale ukulungiselela isidlo sasebusuku. Ngelixa ukutya kubila esitovini, sincokola ngomtshato wabo, amaxesha okusebenza nezinto ezincinane abazenzayo ukuzonwabisa.
Nangona uVuyo engumntu okhululekileyo nofikelelekayo, ukhetha ukuhlala ekhaya nosapho lwakhe okanye aye kuzonwabisa emathekweni. Ungumyeni onenkxaso kwaye ndimthanda kakhulu - kodwa akutuneki umphazamise xa ebukele isoapies, utshilo uSavita.
Simbona kakuhle ngentsimbi ye-6:30 emalanga uVuyo usibizile ukuba sizokubukela umdlalo kamabonakude
othi lsidingo naye. Ungumxhasi ongangxengwangwa weSABC, uyasuka esofeni ahlale phantsi ukuze abone kakuhle ngokungathi ufuna ukuba yinxatenye yokuqhubeka kumabonakude.
Shh, thulani bantu, andifuni kuphoswa nto kulo mdtalo  
Ngelixa uSavita esibizela isidlo sangoku hlwa, uVuyo uyaqinisekisa ukuba uhleli esitulweni esiza kumenza aqhubeke nokubukela umabonakude!
U Generations ngomnye umdlalo kamabonakude othandwayo lolu sapho, kwaye uthe uphela, thina sabe sivalelisa.
Yintsimbi ye-8.37 ngorhatya kungekudala sele iza kuba lixesha lokuba uVuyo aphumle ukuze avuke ngenja ixukuxa kwakhona ngemini elandelayo. 
BONA XHOSA - April 2000 55

